Isolezwe lesiXhosa
Abatshelwe ngamatyotyombe bazithuma ehlathini ngenxa yokungabi nazindlu zangasese
KUQENGQELEKA iintsuku abahlali bamatyotyombe aseEast Bank Squatter Camp, nawaziwa ngokuba kuseC2, belala phandle nabantwana babo bengasayi nasesikolweni. Oku kuza emva komlilo wangoMgqibelo, umhla weshumi elinesixhenxe (17), ekuzeni kusa olwatyuze...
Read Full Story (Page 1)Ugqamise iMpuma Koloni umfundi ogqwese kwabashumi amane
Kubafundi abangamashumi amane (40) abaphume emagqabini bemela amaphondo wabo abaphuma kuwo eMzantsi afrika, kukho nongazibini ntungwa wesikolo isikhoba nombewu Technical School eCofimvaba eMpuma Koloni. untungwa uthi khange akulindele ukubizwa nelakhe...
Read Full Story (Page 1)URhulumente weMpuma Koloni uhloniphe ababhubhe kwiziganeko zempalalo gazi
NGETHUBA urhulumente wephondo leMpuma Koloni ebebhiyozela usuku loxolelwaniso kuKomani, ukwathathe ixesha lokunika imbeko kwabo bathe baphulukana nobomi babo kwiziganeko ezilishumi elinesibini ezirekhodiweyo zempalalo gazi eziye zenzeka kwiphondo...
Read Full Story (Page 2)UQhawekazi ukhuthaza ukufundiswa ngeelwimi zenkobe ngencwadi yesiXhosa ayibhalileyo
UQHAWEKAZI Mazaleni, onguMiss South Africa kunyaka ka2025, uzimisele ukwenza umahluko ongasoze ucime ezingqondweni zabantu. Oku kuvele ngethuba exela ukuba wangenela ukhuphiswano loonobuhle kuba wayefuna ukwazisa abantu ngezinto ezibalulekileyo ebomini...
Read Full Story (Page 1)Yonwaba, khenketha ephondweni lakho, itsho iECPTA
Ivulwe ngokusesikweni isizini yokhenketho eMpuma Koloni. Oku kwenziwe nguMnu. Mlungisi Mvoko, onguMphathiswa weZimali ephondweni, obe sisithethi esiphambili emsithweni obuseMorgan's Bay Hotel, kwindawo ekuthiwa kukwaGxarha. Njengokuba ilizwe lingene...
Read Full Story (Page 1)Umsasazi weBay FM uvuyela ukubizwa kwegama lakhe kwiTelkom Radio Awards
UMSASAZI wesikhululo iBay FM eGqeberha, uThembelani "Jikijwa" Sikilishe, nelakhe igama lichongiwe emva kokuba iTelkom Radio Awards ithe yatyumba inqkubo ayenzayo ethi, Yatshw’ Ingoma, nengomculo wesiNtu engoLwezine phakathi kwentsimbi yeshumi ukuya...
Read Full Story (Page 2)UMzantsi Afrika wamkela amazwe ehlabathi kwiG20
IINKOKELI zehlabathi ziza kugaleleka eMzantsi Afrika ukusukela ngoLwesihlanu phambi kokuqala kwengqungquthela yamazwe amakhulu ekuthiwa yiG20. UMongameli Cyril Ramaphosa uza kuzamkela njengentloko yoMzantsi Afrika owongameleyo futhi ongumququzeleli...
Read Full Story (Page 1)‘Abasetyhini abalishumi elinesihlanu babulawa mihla le eMzantsi Afrika’
IZINGA lokubulawa kwabasetyhini eMzantsi Afrika liphezulu ngokuphindwe kahlanu kunomyinge wehlabathi, kwaye abasetyhini abalishumi elinesihlanu (15) babulawa yonke imihla. Oku kudizwe ngumbutho ozinikele ekulweni ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye...
Read Full Story (Page 1)Intwazana ebhaqwe ibulewe eMthatha ishiya ngasemva abantwana abasancanc’ ibele
AbAzAli bakaboniswa Msuthwana (28) wakuMtshobo, eTabase, eMthatha, obhaqwe edunduluze phezu komfula waseNgqunge, bathi linxeba elingenakuze liphole kuba eshiya amawele asancanca ibele kubantwana bakhe abane. Uboniswa ugqityelwe ngomhla wama24...
Read Full Story (Page 1)Urhulumente wephondo ubhiyozela impumelelo kaQhawekazi noMelissa
AmAgqiyAzAnA amabini aphakamise iflegi yempuma Koloni kwelona nqanaba liphezulu lokhuphiswano loonobuhle emzantsi Afrika kutshanje. Urhulumente wephondo uvuyisana noqhawekazi mazaleni (24) othweswe isithsaba sikamiss South Africa 2025 kunye nomelissa...
Read Full Story (Page 2)IEastern Cape Liquor Board ithi ‘Phantsi’ ngokunxila kwabafundi emva kweemviwo
IQUMRHU elilawula ukuthengiswa kotywala kwiphondo leMpuma Koloni, iEastern Cape Liquor Board, liphehlelele iphulo elichasene nokuselwa kotywala ngabantwana besikolo. Unyaka nonyaka, xa begqiba ukubhala iimviwo, abantwana basokolo benza imibhoyozo...
Read Full Story (Page 1)Ibhulorho entsha kulindeleke ukuba iphucule ubomi babantu baseChebe
UMPHATHISWA weSebe lezoThutho noKhuseleko loLuntu, uXolile Nqatha, unikezele ngebhulorho entsha kuluntu lwelali yaseChebe kuMasipala waseMnquma ngoLwesibini, umhla we14 kweyeDwarha 2025. This bridge is expected to not only help people from Chebe...
Read Full Story (Page 1)Uchiphize iinyembezi uMandla Mandela ebalisa impathombi kaSirayeli
UNKOSI Zwelivelile Mandla Mandela noogxa bakhe bagalelekile eMzantsi Afrika emva kokuthinjwa ngamajoni kaSirayeli iintsuku ezibalekayo. Kwiveki ephelileyo, umzukulwana kaRholihlahla Nelson Mandela, uCarolyn Shelver, uZukiswa Wanner, uReaaz Moola,...
Read Full Story (Page 1)UJulius Malema uza ‘kubhena’ emva kokuwelwa lityala
INKOKHELI ye-Economic Freedom Fighters (EFF), uJulius Malema, udize ukuba ayoyiki nakancinci ukuya ejele. Ukuthethe oku kubalandeli bakhe ngaphandle kwenkundla eMonti izolo (ngoLwesithathu) emva kokufunyanwa kwakhe enetyala lokophula imithetho...
Read Full Story (Page 1)Ubanjiwe unyana oxhaxhe wabulala umama wakhe eMdantsane
AKAYINIKWANGA ibheyile ngethuba evela phambi koMantyi waseMdantsane ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo, uLihleli Siko (33), nojongene netyala lokubulala ngokungenalusini umama wakhe omzalayo, uNoxolo Siko (58), nobenguNesi esebenza kwezinye zezibhedlele...
Read Full Story (Page 1)Baxakwe yindlela eneminyaka ingasalungiswa kuMbonda!
ABANTU belali ekuthiwa nguMbonda, eDutywa, banexhala njengokuba kusondela ixesha leemvula zehlobo. Bathi ubomi babo bubanzima kakhulu ngenxa yendlela embi kakhulu. Kutshanje abahlali bakuMbonda babonakele kwividiyo ejikeleze kumakhasi onxibelelwano...
Read Full Story (Page 1)Iimbongi ziza kube zidyusha eMakhanda
INGQAKA Poetry Academy yaseMakhanda eMpuma Koloni iza kube inesihikahika setheko elibizwa ngokuba yi-Ikhwelo Lityala Heritage nelitheko lenkcubeko apho kuza kube kubhiyozwa kubhiyozelwa inkcubeko yamaAfrika nanjengoko le iyinyanga eyaziwa njengokuba...
Read Full Story (Page 1)Ubuyela kwinyanga ezayo obulele inkosikazi engumtshutshisi wasegqeberha!
ABONGILE GINYA [email protected] UMRHANELWA ojongene netyala lokubulawa kwenkosikazi ebingumtshutshisi (42) wengingqi uvele phambi komantyi wasegqeberha ngomvulo. Usimthembele Xungu (33) ujongene netyala lokubulala, elokuba kwiyelenqe...
Read Full Story (Page 2)Asadingeka amaphulo okuxhotyiswa kwamanina asezilalini ngegbv
KUSEKUNINZI ekusafuneka kwenziwe ezilalini, okufana namaphulo aza kufundisa abantu ngegbv, kuquka ukuchazwa kwezenzo ZEGBV, njengoko kusabonakala ukuba basenolwabo uhlobo lokuqonda kwanohlobo lokwenza izinto nezahluke mpela kunohlobo lwasezidolophini....
Read Full Story (Page 1)Imisebenzi inyuke nge89 000 kwikota yesibini empuma Koloni
INYUKILE ingqesho kwikota yesibini kwiphondo lempuma Koloni ngemisebenzi engama89 000, oku ngokweziphumo zekota yesibini zelabour Force Survey Results ezikhutshwe ngabakwastatistics South Africa (Stats SA). Amanani estats SA akhutshwe ngolwesibini,...
Read Full Story (Page 1)Abhengeziwe amagama abo barhaneleka kwityala lokudubula ulali
BASHIYEKE ngaphakathi eziseleni abarhanelwa abathathu abajongene nezityholo zokubulala owayesakuba ngumbhexeshi kwibhunga likamasipala wasemalahleni uxoliseka Lali. Abarhanewa bavele kusasa ngolwesithathu phambi komantyi wasekomani nalapho ityala labo...
Read Full Story (Page 2)Amapolisa akhangela ababulale umbhexeshi wasemalahleni
UBHAQWE enamanxeba okudutyulwa kwaye sele ebhubile ngentsasa yangolwesibini obengumbhexeshi kwibhunga likamasipala iemalahleni nephantsi komasipala wesithili ichris Hani uxoliseka Lali edutyulelwa kwakhe esouth East Village ekomani. Ngokweengxelo...
Read Full Story (Page 1)Bashiyeke bengenandawo egcuwa emva komlilo obangelwe ngumlo wezithandani
UMASIPALA wasemnquma sele ubabonelele ngoncedo olukhawulezileyo abo ekuse ngecawe bezibona bengenandawo yokuhlala emva kokuba kuqhambuke umlilo kumagumbi aziwa ngokuba kukwamolo kumbindi wedolophu yasegcuwa neyayikade iyindawo yokuhlala abafundi...
Read Full Story (Page 1)Ufanta: ‘Ityala siliphosa kuni bootata, makungadlwengulwa kubulawe amanina nikhona’
UHLAB’ ikhwelo kumntu ongutata, ongumfana noyinkwenkwe umphathiswa wesebe lophuhliso loluntu empuma Koloni ubukiwe Fanta esithi mawangayekeli umxakatho ababhinqileyo babe ngamaxhoba okudlwengulwa nokubulawa ezilalini bekhona, mabakhusele abafazi babo,...
Read Full Story (Page 1)Umalema ukhala ngokucotha koncedo kumaxhoba ezikhukhula emthatha
INKOKHELI yombutho ophikisayo, ieconomic Freedom Fighters (EFF), igxeke urhulumente ngokucotha kwiinzame zakhe zokunceda amaxhoba eemvula ezinkulu emthatha. Ujulius Malema uthethe nabantu abalahlekelwa zizinto zabo emva kokujikeleza kwiindawo ezachanwa...
Read Full Story (Page 1)Liphezulu izinga lokukhulelwa kwabaselula EO.R Tambo
UKUKHULELWA kwabantwana abangamantombazana nabaselula ngokweminyaka kummandla wasenyandeni phantsi kweo.r Tambo kunezizathu ezininzi ezihamba nemicelimngeni, ezinye zazo kukuyeka phakathi esikolweni kwanendlala. Oku kuvele ngethuba ibhunga likagawulayo...
Read Full Story (Page 2)‘Siyoyika, kunzima nokulala’
EMVA kwezantyalantyala zeemvula ezidlakaze iindawo eziliqela kwiphondo lasempuma Koloni, abadinga iindawo neempahla zokunxiba bacela uncelo kurhulumente nasebantwini basemzantsi Afrika. Iimvula ezinkulu ebezikhatshwa ngumoya omkhulu zikhokelele...
Read Full Story (Page 1)Izikhukula zasempuma Koloni: Bangaphezu kwama40 ababhubhileyo!
INANI labantu abathe babhubha ngenxa yezikhukhula empuma Koloni ukusukela emva kwemini yangolwesithathu (11 kweyesilimela 2025) liqinisekisiwe ukuba bangamashumi amane anesithoba (49). Eli nani kulindeleke ukuba linyuke njengoko imisebenzi yokuhlangula...
Read Full Story (Page 1)Lucela isandla usapho olutshiselwe umama wabhubha!
SELE eqhushekiwe ngecawe esisuka kuyo emzini wakhe ebhakaleni elusikisiki umama ubathozamile Dalindyebo (70) otshiswe wabhubha kwaphela nalo rontawuli ebekuwo ngethuba ehlaselwa ngomlilo esalele ngabantu abangaziwayo. Oku kwenzeke ngomhla wama24...
Read Full Story (Page 1)Uswelekile umdlali kamabonakude uchweneyagae
UMDLALI kamabonakude upresley Chweneyagae usweleke eneminyaka engama40 ubudala. Inkampani elawula abadlali bakamabonakude ebephantsi kwayo, IMLA ikuqinisekisile ukubhubha kwakhe. "Sibuhlungu ukubhengeza ukusweleka kukapresley Chweneyagae, umdlali,...
Read Full Story (Page 2)‘Asifuni Nkosi eza kusela utywala’
ETHETHA egameni lendlu yeenkosi zempuma Koloni, unkosi Mfundo ‘Bhovulengwe’ Mtirara unyathele imicimbi eliqela edla umzi, kodwa wagxila kweyokuba abazifuni iinkosi ezinxilayo ebukhosini. Umtirara uthethe oku kwikhomkhulu likankosi Thandisizwe Mhlontlo...
Read Full Story (Page 1)Utimothy Omotoso ulwela ukuhlala emzantsi Afrika
UKHULULWE yinkundla kamantyi wasemonti umfundisi utimothy Omotoso kwaye useza kuhlala kweli lomzantsi Afrika emva kokuba enikwe ithuba lokufaka isicelo sokuphonononga isigqibo sesebe lezekhaya nesimbhengeze njengomntu ongavumelekanga ukuba abe kweli...
Read Full Story (Page 1)NPA: ‘Ukubulawa kukasombulula kungenxa yamatyala anobuzaza ebewaqhuba’
ABONGILE GINYA [email protected] UKUHLASELWA kubulawe obelibambela njengomtshutshisi wengqingqi kwamantyi wasengcobo, uelona Sombulula, kukrokreleka ukuba ingangunobangela wamatyala amakhulu ebewaqhuba nanjengoko kusithiwa ebethatha kanye lawo...
Read Full Story (Page 1)Owayengaphangeli ezikhulisela abantwana ngumphathi wevenkile enkulu
NGAMANYE amaxesha icandelo lomsebenzi sisigqibo esenziwa kwasebuntwaneni, kodwa uhambo lukareenyl Morrison kwicandelo lokuthengisa luyinto ekhethekileyo. Wayengaphangeli ehleli endlini ezikhulisela abantwana bakhe ababini ejonge ikhaya, ukuphaphama...
Read Full Story (Page 1)‘WAWUKUPHI’ kubuza uminister Jezile novee Sholo!
OWAZIWAYO ngokuphatha amatheko nowayesayakuba ngumsasazi nowaphumelela imbasa kwezosasazo uazola Jezile nowaziwa ngelikaminister igama, akawuvali umlomo luvuyo emva kokukhupha ingoma eyeyakhe neligwijo elithi ‘Wawukuphi'. Kule ngoma le mvumi...
Read Full Story (Page 2)Abafundi basewsu bafuna ubulungisa emva kokudutyulwa komfundi wabhubha
ABAFUNDI beyunivesithi iwalter Sisulu (WSU) bafuna ubulungisa emva kokuba umfundi edutyulwe wabhubha kuqhankqalazo kwikhampasi yasemthatha ngolwesibini olwalumalunga nemeko embi yeendawo abahlala kuzo – abanye abafundi ababini bonzakele. Kutyholwa...
Read Full Story (Page 1)Abasebenzi babeke ilitha kurhwaphilizo nolawulo oluhexayo EBCM!
UMBHUTHO wabasebenzi boomasipala, isouth African Municipal Workers Union (Samwu), ukhokele umngcelele wabasebenzi basebuffalo City Metro osuke enorth End wayokuqhina eholweni loluntu edolophini emonti. Abasebenzi baphume ngendlu ngentsasa yanamhlanje...
Read Full Story (Page 1)‘Amapolisa makawenze kakuhle umsebenzi, ayeke ukunyotywa’
ABANTU belizwe lomzantsi Afrika bangene ezitalatweni kwangentseni yangolwesibini kule veki benyevulela ukudlwengulwa komntana oyintombazana okwenzeke kunyaka ophelileyo. Ingxelo ithi intombazana eneminyaka esixhenxe yonzakaliswa ngesondo ebergview...
Read Full Story (Page 1)Kuthiwe thaca uhlahlo lwabiwo mali empuma Koloni
UMPHATHISWA wezezimali empuma Koloni, umlungisi Mvoko, wenze intetho yohlahlo lwabiwo mali ebhisho ngolwesibini, echaza utshintsho olumandla kwisicwangciso semali kweli phondo. Nanga amagqabantshintshi entetho yohlahlo lwabiwo mali. Uhlahlo lwabiwo...
Read Full Story (Page 1)Owakugatyana uzakhela igama kwiifilim phesheya
INZALELWANE yakugatyana, empuma Koloni izenzela igama kwicandelo leefilim phesheya kweelwandle.usakhe Jele oneminyaka engamashumi amane ubudala, ukwelasemelika, nalapho esebenza kwimiboniso eyahlukeneyo njengomhleli wevidiyo, kunye nombhali weefilim....
Read Full Story (Page 1)Ababhali bakwabhaca bomeleza abantu kwincwadi yabo entsha!
ABABHALI bencwadi entsha kraca ethi: 'Nalapho kungekho qhude kuyasa', bavakalise uvuyo olukhulu emva kokupapashwa kwayo kwiveki ephelileyo. Uchulumanco kuzukisile Zindlovu no-unam Khuzani belubhalwe kwiimbuso zabo xeshikweni kuphehlelelwa iincwadi...
Read Full Story (Page 1)Abantu bayabagxeka oobhaka babafundi abajika babe ziidesika nezitulo
UMPHATHISWA wemfundo esisiseko usiviwe Gwarube kunye nesebe lakhe bayagxekwa ngokuzisa iibhegi zesikolo ezinamavili ezijka zibe ziidesika nezitulo ezisongekayo ekufuneka abafundi abahlelelekileyo baziphathe esikolweni. Impuma Koloni nentshona Koloni...
Read Full Story (Page 2)Uza kuvela enkundleni ofunyenwe neziyobisi ezixabisa ir80 000!
KUBANJWE kwavalelwa indoda eneminyaka engamashumi amathathu anethoba (39), ebuffalo Flats, emva kokufunyanwa kweziyobisi eziqikelelwa kwir80 000, kuphando oluqhutywe ngamapolisa emonti. Ingxelo ekhutshwe ngucaptain Hazel Mqala, ithi, amapolisa afumene...
Read Full Story (Page 2)Usapho lwamaxhoba abulawa elusikisiki luthi kuyaxolisa ukuqhuba kwetyala!
OTHETHE egameni lamaxhoba osapho lwabantu abalishumi elinesibhozo (18) ababulawa kwilali yasengobozana elusikisiki kunyaka ophelileyo, udavid King, uthi noko kuyancomeka kwaye bayabulela yinkqubela eyenzekayo malunga neli tyala. Uthi nangona...
Read Full Story (Page 1)‘Mababanjwe abatshise iiteksi enyanga’
USIHLALO wombutho ongugalelebhayi kwimibutho yeeteksi kweli, isantaco, imemelela ukuba amapolisa omzantsi Afrika adlale indima yawo kubanjwe abantu abatshise iiteksi ezingamashumi amabini enyanga entshona Koloni. Usihlalo wesantaco entshona Koloni,...
Read Full Story (Page 1)Amaxabiso amafutha anyukile!
CWAYITA NONDULA [email protected] ISEBE lezezimbiwa libhengeze uhlenga-hlengiso lwamaxabiso amafutha kule nyanga ukuqala ngolwesithathu umhla wesihlanu kweyomdumba 2025. Ngokwesebe, uhlengahlengiso lwamaxabiso epetroli, iparafini nerhasi kule...
Read Full Story (Page 1)Utata uqhwabe intombi yakhe yawa yabhubha
UGWETYWE iminyaka elishumi elinesihlanu (15) entolongweni ufanie Petros Mtshali (60) emva kokuxabana nomntwana wakhe oyintombazana (24) nowafika ngobusuku ekhaya. Umtshali wamqhwaba ngempama wawa wabhubha emva kokubetheka ngentloko. Ngokwesithethi...
Read Full Story (Page 4)Kukhalwa ngeekhonteyina ezithengisa iziyobisi elibode
ABAHLALI baselibode neziphaluka bakhalaza ngeekhonteyina edolophini apho kuthengiswa iziyobisi. Zide zantathu ezi khonteyina ekutyholwa ukuba zisetyenziselwa ukuthengisa iziyobisi elibode. Ezi khonteyina, enye yazo imhlophe naluhlaza ngathi ngumva...
Read Full Story (Page 1)Ubusisiwe owalahlekelwa ngumntwana uthi kudlalwa ngaye kwaforensic wasegcuwa
UBUSISIWE Mvimbani uthi ‘kudlalwa amakhadi’ kwaforensic osegcuwa emva kokuba eye kufanisa umzimba awayecinga ukuba ngulowo owafunyanwa enqadu ngo2022 wadibana nomzimba omkhulu obonakala umtsha futhi ungafaniyo nomzimba womntana wakhe oyintombazana...
Read Full Story (Page 1)Abafundi baza kuzifumana ezikolweni iziphumo zikagrade12, hayi ephepheni
ABONGILE GINYA [email protected] IZIPHUMO zabafundi bakagrade 12 ziza kufumaneka ezikolweni ngentsimbi yesibhozo ekuseni ngomhla weshumi elinesine (14) kwinyanga ezayo, kweyomqungu, ngokokutsho kwesebe lezemfundo empuma Koloni. Ezi ziphumo...
Read Full Story (Page 2)Wakhutshelwa phandle kuba engxola kanti uzakubalixhoba lokudlwengulwa
ABONGILE GINYA [email protected] UBOMI ejele kowasemdantane owadlwengula umntwana wakwamakhelwane. Inkundla kamantyi yasemdantsane igwebe unkululeko “Wewe” Bushula (39), ubomi engaphakathi entolongweni emva kokuba ithe yamfumana enetyala...
Read Full Story (Page 1)Ijelo losasazo lesixhosa livuliwe ezimbabwe
ZMTHETHELELI MAZWAI IMBINI iiveki ngoku sisebenza ngokusesikweni isikhululo sikanomathotholo i-ingqanga FM esisasaza ngesixhosa efingo Location, embembesi, ezimbabwe. Ukuvulwa kwesi sikhululo liphulo lokuzama ukuphuhlisa ukuthethwa nokufundwa...
Read Full Story (Page 2)Ikomkhulu labathembu lixhotyiswe ngezixhobo zolimo
KWIINZAME zokukhulisa nokuqinisa iinkqubo zokuvelisa ukutya kweli lempuma Koloni, isebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle linikise ngogandaganda kwikomkhulu labathembu ebumbane. Ingxelo yesebe ithi lo gandaganda oxhotyiswe ngezixhobo zokusebenza...
Read Full Story (Page 1)Hlaziya imitha yombane yakho!
ICWAYITA NONDULA [email protected] XESHA elisikiweyo lokuhlaziya imitha yakho yombane liyasondela, kwaye ukuba awuyihlaziyi, awuzukwazi ukuthenga umbane. Ueskom ubhengeze ukuba iimitha zombane ezingekahlaziywa ziza kuyeka ukusebenza kule...
Read Full Story (Page 1)Ukugwetywa kodlwengule umakhulu wakhe kohlukanise usapho
UZAKUCHITHA iminyaka emgamashumi amabini (20) engaphakathi ejele uanda Nogwanya (24) emva kokuba ethe wavuma ngokwakhe phambi kwenkundla ityala lokudlwengula umama ozala umama wakhe oneminyaka engama76 ubudala. Esi sehlo senzeka ngomhla wesithandathu...
Read Full Story (Page 1)Uwarren nolesley bazibandakanya neskeem Saam
OWAYESAKUBA ngumdlali wehouse of Zwide, uwarren Masemola, kunye nobesakuba ngumdlali wemuvhango, ulesley Musina, kulindeleke ukuba bazibandakanye nomdlalo WESABC1 odumileyo, iskeem Saam. Esi sibhengezo senziwe YISABC ngolwesithathu, umhla wama23...
Read Full Story (Page 2)Babanjiwe ababulele abahlanu bosapho lakwaseti
abongile Ginya [email protected] BAYAVELA kusasa ngolwesine kwinkundla yamatyala yasebityi abarhanelwa ababini abajongene nezityholo zokudubula babulale abantu bosapho olunye lakwaseti ebityi. Ngokwengxelo yamapolisa asempuma Koloni, esi...
Read Full Story (Page 1)Ibhale incwadi intwazana yakutsolo
ULIHLE Mkhwambi, 17, ongumfundi kagrade 10 kwisikolo ilutuka Senior Secondary School entshiqo kutsolo, ubhale incwadi kwaye unethemba lokuba le ncwadi izakunika ithemba koontanga bakhe ukuba yonke into inokwenzeka kwaye bangaphumelela nantoni na ukuba...
Read Full Story (Page 1)Intombazana yasengqushwa ngumiss Teen Universal South Africa!
PEDRO MAPELO [email protected] KHANGE abenawo amazwi okuchaza indlela aziva ngayo uanqobile Ngalonkulu emva kokuphuma phambili kukhuphiswano loonobuhle kwiphondo lasegauteng. Oku kwenzeke emva kokuba zonke iijaji zitsho ngazwinye ukuba...
Read Full Story (Page 1)Bayaziwa abarhaneleka ngokubulala ishumi elinesibhozo elusikisiki!
UMPHATHISWA wamapolisa kuzwelonke, usenzo Mchunu, udize ukuba sele bewazi amagama wabarhanelwa abadubule babulala amalungu osapho elusikisiki. Oku kuvele entlanganisweni ebisengobozana ebizinyaswe ngumphathiswa, unkokeli yephondo umnu. Lubabalo...
Read Full Story (Page 1)Umay wazenzela igama esemncinci kakhulu emculweni
OWAQALA ukukhokela ikwayala eseneminyaka elula kakhulu, umelikhaya May, namhlanje sele ezingca ngokubanamacwecwe athi yena, kwaye sele efumene neembasa. Umay, 32, noyimvumi yomculo wokholo uqale ukucula eneminyaka eyi (12), futhi kulo minyakana wabe...
Read Full Story (Page 2)Mabuyane: Igama likajessica Mbangeni alizukutshabalala
INKULUBAPHATHISWA yasempuma Koloni, ulubabalo Oscar Mabuyane, uthi igalelo kwanegama likathembeka Jessica Mbangeni malingapheli maliqhubekeke kuba uyinxalenye ngoku yomzila akwakuthi kuthethwe ngaye naye xa kubalulwa amagqala aphuma...
Read Full Story (Page 1)Isifundo ngobomi bukakumkani uhintsa
KWIINZAME zokuthatha inxaxheba kwiinkqubo zale nyanga yamasiko nezithetha, umasipala wasembhashe uzakuqhuba isifundo sokukhumbula ubomi bekumkani yamaxhosa ukumkani uhintsa. Kuthiwa esi sifundo siyinxalenye yenkqubo ebanzi ekuzakuthi kugxilwe kuyo...
Read Full Story (Page 1)Ngootitshala abatsha abahlohla izibalo abathe bazigqamisa!
UKUHLOHLA abantwana abancinci kunayo imicelimngeni kodwa xa ubaxhobela futhi uzilungiselela kwaye usenza amacebo, kuye kubelula ukungqalana nabo, oku kudizwe ngootitshala ababini abahlohla izifundo zezibalo, imathematics ngamanye, kumabanga aphantsi...
Read Full Story (Page 1)






























































